! @~zihla Ngamqala Mnye~~ Poem by Nkululeko Mdudu

! @~zihla Ngamqala Mnye~~

Rating: 2.7


Awu!
Inkomo kabawo
Yalalis' uphondo!
Umelusi wayo
Yayi ngumfo
wakwa Sipongolo.

Mhlanazana uthile,
Wayeyi qaqadekisa
kuMalan pass,
Ngeezomini "zedom pass."

Yayivuma ke nayo,
ikhuthele,
Nangombala ikhethekile.
Yayilubhelu,
amanqina emnyama tshu!
Namehlo akhanyayo
asoloko ethe thu!

Awu!
Yatsho yandi khumbuza
Elinye iphupha-
le inkabi,
iqegu loMkhonzi...
uHulushe kaNtsikana,
Ingaba niyam nakana?

Ngale mini
kwa kune sizungu,
Emadlelweni alal' inkungu,
Kwezontaba zakwa Maqoma.

Yaletsheza yajonga
eluNweleni
Ingaziwa nokuba
ithwele ni.

Tsi!
iKhwange Lamakhumsha
Akwa Toyota!
ladibana nomkrozo...

wawu khokelwa
lithole lakwa Ford,
nenkunzi yakwa Mazda,
kunye nemazi emnayama
yakwa Volks Wagon,
Zenza loo mngcelele;
loo majikojiko ziwagona-gona.

Waye engxamile
umfo wakwaSipongolo
neKhwange lamakhumsha
licula kuhle
Lisithi "Vuuuu—uun! Vum-vuuuni!

Mawo!
Lathi kanti
limthumile,
Waqala wasika
kwe phambi kwakhe,
Wancumel' ecaleni
wasika kwakho;
Hayi ayavuma
into yakwa Ford
yathi "uqhelile
ukubenza amachela! "

Yaba nguwashiywa nowashiywa,
Ingu tshe-tshe-tshe!
kwaba bukeleyo.

Zathi zakuthatha ithafa,
Zaye zifuthelana emisileni.
"Suka kwedini wagilwa! "
Ayesitsho amadoda
awaziyo umdlalo,
Atsho nanamhla
x'abukele kwezonkalo.

Zathi zakuqabel' eqolweni;
Asazi nokuba sisigqezu,
Okanye ubushushu bogqatso,
Kodwa uSipongolo akazange
Asibone isigadla simthe ntsho.
Waqabuka xa sibhongayo,
Kwaba kukhona asibonayo.

Wazibamba zatsha!
Latswin' amatshi-tshi-tshi
iKhwange Lamakhumsha;
umsila liwuthe qhiwu!
Hayi ke,
saye sisith' isigadla,
"yithi gu! "

Hayi ke,
Yayi loo nto
uku qengeleka,
Laye nethambeka
lim thandela.

Zafika kwangoko
ekhaya ezi ndaba,
Labuza ixhego,
nela lifuye
elo khwange...

(Ndinga yazi yintoni
umntu athenge imoto
Engakwazi kuqhuba)

ukubalomfo
‘uhambe njani? ',
Waphendula usomphanga
ngeli shwankathelayo,

...Wathi:

"uthe lomfo xa
eqala ukuthi qwaka,
Kwaba kanti koko
kuye konke
kusithi cwaka."

Wednesday, May 27, 2009
Topic(s) of this poem: pride
COMMENTS OF THE POEM
Siyabonga A Nxumalo 29 November 2011

mina ke ngikwethulela isigqoko, ngikugcoba, ngikuchoma uphaphe lwegwalagwala...

0 0 Reply

Inene, ndiyawothula umnqwazi ngokungazenzisi, mayihlome mntakwethu. bhala ungayeki

3 0 Reply
Catrina Heart 27 May 2009

Well this maybe a great and fabulous poem only and if written or translated into an american english language....Thanks! ! ! ! ! ! ! !

0 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Nkululeko Mdudu

Nkululeko Mdudu

Queenstown/ South Africa
Close
Error Success