Seso Sichithamzi Ugawulayo Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Seso Sichithamzi Ugawulayo

Rating: 4.5


Oko kwabakho wena kulizulu lezijwili,
Bukho Bakho Obo!
Oko saxhalaba ngaphakathi luxhwaleko,
Bukho Bakho Nabo!
Kanti ulundwendwe olutheni olungade luhambe?
Ulihashe lini elinganxanwa noxa lidiniwe?
kukakade unxanelwe thina,
Xolela mhlonitsha umyalezo siwufumene,

Ngqondo zethu zingqulequ ezikrunekileyo,
Mehlo ethu adumbile ziinyembezi,
Ntliziyo zixhwalekile,
Inene sanele ngoku!
Kwazimpondo zankomo kugqunyelelw'imizimba,
Kwakukuwa kweenkukhu iphumile imiphefumlo,
Koze kube nini na sicand'olu dada?
Kwakudala ngoko,
apho sasingqawa sifuna uncedo macala,
Sithini ke ngoku kuba sanele?

Yini ungathathi konke ushiye esibathandayo,
Ncwaso luni lona olu lwakho?
Nanga amasimi sikunikezile,
Naz'impahla kuquka iinkomo sikujulele,
Kodwa wena uthatha esibathandayo,

sitsho sanyeke-nyeke ziintlungu,
zingqongqo iingcamango bubunzulu beenkumbulo
Siwuvule gengelele umlomo kuba usahlule,
kuwe zalima zibhenel'etyeni utshabalalisa,
Ugxabha-gxabhisa nje ufuna ntoni?
Umhunyha-mhunyha iintsana zethu nje,
Wena uzalwa nguban?
Uxolo!

COMMENTS OF THE POEM
Soulistical The Poet 18 October 2011

You also write in your clan language? is it Zulu?

1 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success