Ndincwela ubuciko
boku cengeleza...
Ndichwetha ubuchwepheshe
buka Cirha no Cwerha
Becela amacebo
okucamagusha
Ndicinge ngecala lomcinga...
Xa ndixoxa
ndixanda ndixananaza
ndixel' ixhego
lixhinela emnxebeni
ndi nxunguphaliswa
lixelegu lixhelel' eXhukwane
Ndicinge ngecala lomcinga...
Aba namadanda
badomboza bedandathekile,
Bebhidwe ziindudumo
zase Mdantsane,
Bedend' udondolo,
badayivel' edameni!
Ndicinge ngecala lomcinga...
Ubucukubhede bobuciko
abucacanga.
Icebo lichasene nabacela
ukucacelwa.
Becaphula kambe
kwidosha engena cwilika
Ndicinge kanye
ngecala lomcinga...
Kwaqalela phi
ukuqwetywa kwale nqaba,
ngamaqaba neengqondi
zenkqubela?
Zaziqamba njani,
zaze zaqeqesha bani?
Ukuze siqaqambe,
siqhwithe,
kuqhum' uthuli,
siqonde emqulwini
Ndicinga ngecala lomcinga...
IsiXhosa esi xabisekileyo
sinxunguphele.
Sixwebe okwamaxhwele
ka xam.
Saxhwithwa ngama xhalanga
axhonti
ase Ntshonalanga.
Ndisuka
ndicinge ngecala lomcinga.
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem