Intyantyabo ibintle namhla iyabuna
Uncumo beluqaqambile namhl'oku sisililo
Mhlawumbi bekufanele
Namhla umdlalo uyaphela
Sala kakuhle sithandwa.
Mhla wumbi besisaphuca
Mhlawumbi besisabhidekile
Kodwa ke yonke into inesiphelo
Kwazi bani okuzayo?
Sala kakuhle sithandwa.
Ukonakala kwenye kukulunga kwenye
Hleze ubambo lwam lundilindile,
Mhlawumbi ukufa kusemnyango
Kwazi ban'isind' entweni
Sala kakuhle sithandwa.
Mhlawumbi ndaphandlwa bubuhle
Mhlawumbi ndabona cala limbi
Izinto azihambanga ngesiqhelo
Iphini lomele emqaleni
Sala kakuhle sithandwa.
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem