Mzi Kanguni Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Mzi Kanguni

Sizwe sakowethu,
ngo-Ngqu! singqubekile,
Namhla sibon'ungquzulwano,
ngo-Nci! sincithekike,
Namhla sibona sele kuncithwana,
MaAfrika amahle ngo-Ngcu! singcugcuthekile,
Namhla ngawenyama,
nako sesingcugcuthekisa,

Kwiintlungu zobuhandiba,
aph'iinyembezi zalulwandle,
aph'igazi yalichibi,
aph'izijwili zilizulu liduduma,
zabetha zibuyelel'izingqi,
zokutshabalala komnye,

Mazith'iingqondo zethu zakuhlutha,
Zith'intliziyo zakukholwa,
Wetyis'umzi wesizwe ngegugu,
Elith'umbhombo awuqhoshi ngebhunga,
Mhlamnye kodwa zibhodle zisambeza,
Zon'izidwesha zobugorha zikhokela,
Umlisela ulandela ukhwezela,
Atsh'amayeye kuliliselwa,

kungoko malith'ixhonti,
landule ukuhlonel'ixhoba,
khon'ukuze zikhamnkq'iintshaba zitshabe,
yiyo lonto lakuthi ukuzika
ilanga lenzondo,
buqhame ubukhulu bothando ngomqokozo,

kungoko makuphel'idyudyu zimanyan'iintlanga, Senzangakhona wayefuna senze kwakhona,
Tshawe wayefuna sibe ngamatshawe,
Khalimeshe wayefuna kakade sikhalimele,
Menziwa washiya kusenziwa,
Ngubengcuka wayisitha ingcuka ngengubo

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success