Indoda Lihashe, Inkomongumfazi Poem by Nkululeko Mdudu

Indoda Lihashe, Inkomongumfazi

Rating: 4.8


Masithi indoda lihashe,
sithi inkomo ngumfazi;

Kuba indoda idla ngokuba
namendu nesigqezu,
Yaye ithwala yonke into le
emagxeni ayo.

Inabo nobu phaku-phaku
kodwa ibuya ilawuleke.
Andithethi ngebukubela ledlavu,
ndithetha ngendoda!

Yona inentsebenzo
newuxabisileyo umsebenzi wayo.

Sibuye ke sijonge lemazi;
Yona yintsengwanekazi:

Eyodla isizwe.
Ayipheli mandla
nangona isondla
isizwe ngamabele

Ayithathi nantoni na
iyiphose emhlana;
lowo ubekelwe
usana lwayo kuphela.

Akhona amaveliti
neenkomo ezinomtshobo.

Zikhona iinkunzi
ezikhabayo nezidlokovayo.

Iinkomo ziyakwazi
ukuthi zigxwala emswaneni,
Abe amahashe
elibele kukuleqana.

Zilumkele ndoda
ziyahlaba;
Sanukuwatsala ngemisila
ayakhaba.

Amanye amadoda
avukela enkomeni;
akube ebevalelwe nazo.
amanye agcakamela imithunzi.

kodwa ke singake
sibuyele ethangweni
lika Ntu sicubungule lomba
Eneneni nase nyanisweni...

Kuthiwa ubuhle
bendoda zinkomo;
mayelana naloo mabhongo
ndiyavuma andinalwazi;
ndithi ubuhle bendoda ngumfazi.

Thursday, May 15, 2008
Topic(s) of this poem: relationships
COMMENTS OF THE POEM

BUT I DONT UNDERSTAND SOME OTHER XHOSA WORDS

1 0 Reply

hey friend, we must like ourselves first and love who we are and i am so inspired by this poem.Y

0 0 Reply
Lungelo Mpatho 28 May 2008

it is very much refreshing to read something in isiXhosa (isiNguni) , keep it up bro!

0 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Nkululeko Mdudu

Nkululeko Mdudu

Queenstown/ South Africa
Close
Error Success